Rest and Vacations

  • Psalms 3:5
  • Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.) Psalms 4:8
  • Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini; Psalms 91:5
  • Nifumana nivuka kusasa, Nihlale nisebenza kude kube sebusuku, Nikudla ukudla kokubulaleka; Uyipha intanda yakhe, ilele ubuthongo. Psalms 127:2
  • Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho. Proverbs 3:24
  • Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo. Ecclesiastes 5:12
  • Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca. Isaiah 57:2
  • Makabongwe uYehova, obanike ukuphumla abantu bakhe amaSirayeli, njengoko konke wakuthethayo; akwaphalala nalinye ilizwi kuwo onke amazwi akhe alungileyo, awawathethayo ngoMoses umkhonzi wakhe. 1 Kings 8:56
  • Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni; JOB 11:18
  • Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca. Isaiah 57:2
  • Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni:uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile. Isaiah 58:13:14
  • Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke. 1 Corinthians 10:31
  • Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe. Hebrews 4:9, 10