Dependency on the Lord

  • Exodus 14:13, 14
  • Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa. Deuteronomy 20:1
  • And the LORD, he it is that doth go before thee; he will be with thee, he will not fail thee, neither forsake thee: fear not, neither be dismayed. Deuteronomy 31:8
  • indoda inye kuni isukele iwaka; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo, njengoko wakuthethayo kuni. Joshua 23:10
  • Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla. 1 Samuel 2:9
  • Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa. 1 Samuel 14:6
  • lazi lonke eli bandla, ukuba akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; woninikela ke esandleni sethu. 1 Samuel 17:47
  • Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye.Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda. 2 Chronicles 32:7, 8
  • Imikhondo yam ibambe iindlela zakho, Azashukuma iinyawo zam. Psalms 17:5
  • Imikhondo yam ibambe iindlela zakho, Azashukuma iinyawo zam. Psalms 26:1
  • Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu. Psalms 60:11
  • Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam. Psalms 62:5
  • Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe, Abakhumbula umendo oya eZiyon! Baya besomelela ngokomelela; Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi, Psalms 84:5, 7
  • Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe. Psalms 112:7, 8
  • Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu. Psalms 118:8
  • Ndivise kwakusasa inceba yakho, Ngokuba ndikholose ngawe. Ndazise indlela endiya kuhamba ngayo: Ngokuba ndiwuphakamisela kuwe umphefumlo wam. Psalms 143:8
  • Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho. Proverbs 3:5, 6
  • Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma. Isaiah 30:15
  • Saphendula sathi kum, Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi. Zechariah 4:6
  • Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto. John 15:5
  • Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu. 1John 5:4