Claiming Habitation

  • Genesis 13:17
  • Ilizwe ze kungathengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum; Leviticus 25:23
  • Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu. Deuteronomy 11:24
  • Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula ngokuba endinonelele. 2 Samuel 22:20
  • Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho. Psalms 2:8
  • Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;Wabanyathelisa endleleni ethe tye, Ukuba baye kumzi wokuhlala. Psalms 107:6, 7
  • iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo. Isaiah 30:21
  • Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; Matthew 7:7
  • Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona. Hebrews 11:8
  • Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe. Genesis 28:15
  • Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo. Exodus 23:20
  • Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo. Exodus 32:34
  • Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla. Exodus 33:14
  • Wosikelelwa ekungeneni kwakho, usikelelwe ekuphumeni kwakho. Deuteronomy 28:6
  • Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga, Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.Akavumelanga mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam. Psalms 105:13-15
  • Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka, Amaza ayo azola;Bavuya ke, kuba edambile; Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo. Psalms 107:28-30
  • UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni. Psalms 121:8
  • Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, Sindibambe isandla sakho sokunene. Psalms 139:9, 10
  • ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi;ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli. Isaiah 45:2, 3
  • Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo. Ezekiel 11:16